INTETHO YOHLAHLO LWABIWO-MALI NOMGAQO-NKQUBO 2020/2021
INDLU YOWISO-MTHETHO YEPHONDO YEMPUMA KOLONI
Somlomo Obekekileyo noSekela Somlomo Obekekileyo
Nkulubaphathiswa ebekekileyo
Malungu Abekekileyo eBhunga Elilawulayo
Malungu Abekekileyo eNdlu Yowiso-mthetho yePhondo
Sihlalo weKomiti ejongene nemisebenzi yezeMpilo
Iinkokheli zemveli nabathanjiswa bakwaLizwi
Iibhodi zezibhedlele neekomiti zeekliniki
Abathathi-nxaxebha kwimicimbi yeSebe; kunye
Neendwalutho, Molweni kuni nonke.
INGABULA-ZIGCAWU
Malungu Abekekileyo, singungelene apha ngexesha elimangalisa ngokungenambaliso ebomini bethu, nalapho ilizwe liqubisana nobhubhane iCovid-19. Ndithi thaca le ntetho yomgaqo-nkqubo kwisithuba esingaphezulu kweenyanga ezimbini emva kokuba bendicwangcisele ukuyithi thaca yaye ndiyithi thaca ndisebenzisa uqhagamshelwano lobuchwepheshe nto leyo ekwasisikhumbuzo sokuba undalashe yinto yamhlamnenene. Sithetha nje, iphondo lethu lihleli kwindawo yesithathu kulo suleleko ngulo bhubhane apho abantu abosulelekileyo bangamawaka amabini anamakhulu amane anamashumi amahlanu anesithoba (2 459), kwasweleka abangamashumi amahlanu anesithathu (53) kwaze kwaphila abaliwaka elinamashumi amathathu anesithandathu (1 036) kwabo bebesulelekile yaye eli nani lisakhula. Lo bhubhane uguqule ubomi bethu ngokumandla yaye wanyanzelisa inguqu egqibeleleyo yoko besikucwangcise tanci ebesiza kwenza kunyaka wokuqala wolawulo lwesithandathu wexesha lolawulo lwentando yesininzi eMzantsi Afrika.
Read more ...